Yesu, ndiyakholwa ukuba wandifela emnqamlezweni. Apho walinyazwa ngenxa yeziphoso zam, Walinyazwa ngenxa yobubi bam, ubetho loxolelo lwam lube phezu kwakho. Ndifana nemvu elahlekileyo, ndiye ndalahleka, kodwa ndiyakholwa ukuba uThixo walibeka phezu kwakho ityala lam. Wandifela, Waye wavuka ekufeni, wanyukela emazulwini, kungoku nje uhleli esihlalweni sakho njengeNkosi yako konke. Yesu, ndixolele. Ngoku ndiyaguquka esonweni sam, ndibeka ithemba lam kuwe. Ndigcwalise ngoMoya wakho, ndihlambe, undamkele njengomntwana wakho.
AMEN…